Amava am kumhlangano eCalders Hotel: Reflection of the Workshop

Authors

  • Bongeka Mhlauli

DOI:

https://doi.org/10.14426/mm.v2i2.78

Abstract

Njengomfundi okweli nqan aba ndifunde lukhulu kumhlangano. Okokuqala nanjengokuba ndisemtsha apha, ukuthatha okanye ukubhala iingcinga zakho kuye ngamanye amaxesha kubenzima. Apha ufumanisa ukuba ininzi imiba esengqondweni yakho, loo nto ibangele ukuba uxakwe yindlela yokuyibhala phantsi.
Iindibano ezinje ngezi ziluncedo kakhulu ingakumbi kubabhali abasaqalayo kanti nakwabo sele bebalasele. Injongo yendibano kukuphuhlisana phakathi kwabo babhalayo okanye benza uphando kulwimi nakuyo nantoni na engenye. Kusuku lokuqala: apha ngumhla esafika ngawo kwindawo apho sasizobambela khona indibano sileli qela. Apha sahlala iintsuku ezintathu simane ukuchitha imini yonke kwigumbi elithile apho iindibano zibanjwa khona. Ngolu usuku kwakugxilwe kumba wokubhala ithesis. Kwakujongwa ekubeni zinto zini ezingakunceda njengomfundi okweli nqanaba lokubhala uphando. Apha abantu bathetha ngamava abo kolu hambo lokubhala uphando. Kule ndibano bekudibene abantu abakumanqanaba ahlukeneyo, bakhona abo bakwinqanaba leMasters, Phd abanye sele bezingcali(Professors). Ndiye ndafumanisa ukuba wonke ubani apha unalo ibali lakhe lokubalisa, kwaye sonke sidibene nazo iingxaki xa besibhala.

Downloads

Published

2017-06-30

How to Cite

Mhlauli, B. (2017). Amava am kumhlangano eCalders Hotel: Reflection of the Workshop. Multilingual Margins: A Journal of Multilingualism from the Periphery, 2(2), 100. https://doi.org/10.14426/mm.v2i2.78